



42 BONA XHOSA - September 1997


U
 CONSTANCE MTSHALI noNtombi Masuku ngoomama ababini
abaselula abangezongelosi kwaye siyathemba abanakuba zizo! Bobabini baqhuba iilori kanti ke abafuna ukuba ziingelosi ngabaqhubi abangenankathalo.
llon eqhutywa nguConstance iyi-16 mitha ubude uthutha iimpahla eziya nezivela kwiZibuko laseThekwini. UNtombi yena uqhuba iibhasi zakwaDurban Transport. Bangamabhinqa abalase(e ekuqhubeni iilori ezinemithwalo enzima.
Ukuqhuba ilori kwisixeko esiphithizela izithuthi akulula. Kufuneka balumke(e okusondele kubo ngaphambili nangasemva. Nkqu nokuba ivili lokuqhuba lijika luIa neegeri
Amclqobokclzcln(J
Endlela
Kubalisa kukwafota uEBONY MHLONGO




Umqhubi webhasi uNtombi Masuka kufuneka abaphangeli abafikise ngexesha emsebenzini enoba kuyana, kushushu okanye izithuthi ziphithizela.


zizitshintsha, ezi lori zifuna ubulumko. Kanti ke uConstance noNtombi
abanangxaki ekwenzeni umsebenzi wabo wokuqhuba.
Kukho nje isixhobo esincinane ezi ntwazana ezisibiza ngokuba nguntamnani ongaqondakali. Esi sisixhobo esicupha konke sishicilele umgama owuhambileyo nesantya obubaleka ngaso. Kanti ke sisenokuba ngumhlobo. Simbangele uNtombi abe nguMqhubi weNyanga, eli liphulo elikhuthazayo nelisungulwe yinkampani yabo.
Kukho okubalulekileyo okuluncedo ukuze ube ngumqhubi obalaseleyo. Kukho iindlela zokonga ipetroli ngokuwunyathela ngobulumko umcephe, nokungazinyatheli ngamandla iibhreki. Esi sixhobo sicupha konke sibhala enoba uyazenza kusini na ezo mpazamo, utshilo uNtombi.
Omabini la maqobokazana anocwangciso olubalulekileyo. lndlela asebenza ngayo uConstance ilawulwa
Asatshatshela ekwenzeni umsebenz! wamadoda nonzima

linani leekhonteyina azithuthayo ngeyure, kanti uNtombi kufuneka abakhwel ibhasi abafikise ngexesha.
La manenekazi asisibini esahlukileyo. Omabini ashiya imisebenzi yawo Icwiifektn zempahla ukuze acoce izithuthi
- kulapho abanclakanyeka ekuqhubeni. Ayengazi ukuba aza kuba ngamaqobakazana atsat umdla ezindleleni. Kufuna nje abantu ababini abanesibindi ukuze kubonwe ukuba kunokwenziwa, babonisa ukuba bangamabhinqa ale mihla axhakamfula amathuba okulingana kumalungelo.
Kuqala, akukho namnye kuwo owayecinga ukuba unokwamkelwa kumsebenzi ekukhonya amadoda kuwo.
UConstance uyatsho ukuba upase kumsebenzi wokucoca waza wapasa nakowokuqhuba. Usebenze kwaSpoornet ngo-1 985 njengomcoci weemoto waza wadluliselwa kwaPortnet ngo-1992 njengomcoci. Ubewuthanda umsebenzi wakhe, kodwa ebenqwenela ukuqhuba, ucele ishop steward ukuba ithethe nomphathi. Ungekapheli unyaka kamva, wabe seqhuba ilori eyi-20 tonner.
NoNtombi uqale njengomcoci webhasi. Unyuselwe emsebenzini wasiwa kwindawo yokugatela idiesel. lthuba lakhe lafika akucelwa ngabaphathi ukuba aqhube ibhasi kwiinzame zokunika abasetyhini amathuba.
UNtombi kufuneke afunde imephu yaseThekwini, indlela yokunyusa isantya, ukuthubeleza phakathi kwezithuthi eziphithizelayo kuba kufuneka agcine ixesha.
Okona kukhathazayo kuxa imvula isina ngamandla, izithuthi ziphithizela, xa okhwelayo enemali engaphelelanga, kutuneke ndibale nentshintshi. Akubi mnandi xa iirobhothi zikhanyisa bomvu newotshi ileqa intsimbi yesibhozo neofisi ikude lee, utshilo.
Uluntu luyavungama xa ibhasi isophuka ukanti nomqhubi webhasi kufuneka akwazi ukuqhagamshelana noluntu.
Xa ndishiywa lixesha
ndiyangxengxeza ndiluxelele uluntu. Luyahlawula lilungelo Iabo ukwazi.
Sekuyiminyaka esixhenxe ngoku uNtombi eqhuba ibhasi, akazange enze ngozi.
Okuthandwa nguconstance liZibuko (aseThekwini elixakekileyo.
UConstance unamabhongo. Uzimisele ukuvavanywa kwakhona, vavanyo 010 lunokumbangela azuze enye ilayisensi enokumbangela atyhutyhatyhutyhe kweminye imimandla ethe qelele eThekwini. Ufuna ukuqhuba ilon erhuqa ngaphezu kweenqwelo enye kwanesilenge esithwala impahla.
Bobabini bangoomama nto Ieyo ethetha ukuba bayaphangela, kufuneka bapheke, bathenge baze bacoce. Kodwa bathi kubalulekile.
Akuthethi nto enoba singamadoda okanye abasetyhini, ukuba nje siyaphangela kwanele. Kuba siqhuba kakuhle, amadoda ayasamkela. Asizange sibe nengxaki, bobabini bangqinelene. 










44 BONA XHOSA - September 1997

Nakuba uDudu Lady D Khoza woKhoz! FM kuligama elithandwayo engomnye weendwalutho abadumlleyo, usoloko engumntu oqhelekileyo. Kodwa xa ethetha kwisikhululo sosasazo, uDudu ushiya abaphulaphuli bakhe bengenaxhala xa ebafundisa, ebachazela aze abonwabise Kuballsa uAJITH BRIDGRAJ kufote


uRAJESH JANTILAL.


AbaphuaphuIi Bakhe
Bathi ngu











U
 DUDU upase imatriki eOhfange High Schoof eNanda kweye-1970, ungumongikazi. Ngoku wenza unyaka wakhe wesibini kwisidanga sakhe seeMasters ufunda iVafue Anafysis and Poiicy Formufations kwiYunivesiti yaseStellenbosch.
Kukuba ngumongikazi okuye kwamvulela indlela yokusebenza kwisikhululo sosasazo. Amava akhe uwasebenzisa ekunikeni amacebiso njengondwendwe kwinkqubo yosasazo kodwa ekugqibeleni ude wanenye inkqubo yabasetyhini nabantwana kokwakufudula kuyiRadio Zulu ngo-1 993.
UDudu uye waphumelela kwesi sikhutulo waza wangumsasazi, iprodyusa nokuba ngumnye wabaphathi abane kwesi sikhutuio. Abalasele kuko ziinkqubo zabasetyhini nabantwana.
Uyayithanda imisebenzi yofuntu kuba imbangela akwazi ukuqhagamshelana ngqo nabaphulaphuti besi sikhululo.
Ndonwaba kakhulu xa inkqubo yam isondeza abantu.
UDudu wonwaba kakhufu ekuyileni iinkqubo - ukususela ekuzisungufeni ukusa kuvutho-nciaba Iwazo.
lmibandela yabasetyhini iseyeyona nto ayixhalabeleyo.
Ndiyakuthanda ukubona abasetyhini benenkqubela, benegalelo ekulawuleni, bethandana. Ukungakhathali phakathi kwabasetyhini kufana nomhlaza. Kodwa andinakuphelelwa lithemba.
Uyakucaphukela ukubona ukungavani phakathi kwabasetyhini maxa wambi bengekaqhelani.
Umzeketo wakhe omhle nguwinnie Mahlangu obefudula esebenza naye.
Ubebathanda abasetyhini awayesebenza nabo, unobuhlobo. Kukho umahluko ekubandakanyekeni kwakhe kwezabasetyhini nendlela azenza ngayo izinto, uchaze oko.
Kucwangciso fwakhe oluxakekileyo unalo ixesha fokubukela ITV, lokufunda iimagazini, ukukhenketha







4	UDudu ongumntu wabantu ekunye nowayeze kwisikhululo sosasazo, uKhaba Mkhize, onguMphathi Jikelele kwISABC.




4 Ukwenza ngendlela yakhe eyodwa. UDudu esasaza kUkhozi FM.



nokubutha nabahlobo bakhe abambalwa. Phofu ke, elona xesha lininzf ulichitha nendoda yakhe uBorigani, noonyana babo ababini.
Uyavuma ukuba noko akangompheki odumileyo, ukhetha ibhrayi nanini na. Umculi amthandayo nguLuther Van Dross neyona ngoma ayithandayo kuye ithi Power of Love.
UDucJu othanda okusefashonini uvumile ukuba
uyakuthanda ukuthenga impahla.














Uzama ukufikelela nabani na... uDudu uthanda ukubandakanyeka kuluntu, apha kwakuxa besasaza ngaphandle kutshanje kwiNkomfa yokuChazela uluntu ngeAids phaya eMandinL


(	UDudu Lady D Khoza ungumntu oqhelekileyo, ingakumbi xa kuthethwa ngosapho Iwakhe. Kodwa uthi akusasaza avakale emntu wumbi okwazi ukonwabisa.



Kum ukuya ezivenkiteni kufana nokuzonwabisa. Endikuthanda kakhulu kukuthenga iimpahla ezivela kwamanye amazwe.
lngomso ulicebele fukhulu, echaza ukuba yena neqabane asebenza nalo uZanele Mbokazi baza kuvula elabo ishishini. Kuyacaca ukuba la manenekazi mabini ade avana.
Side saqonda ukuba ngamnye kuthi uyafuneka kunokuba sibe sichukelana. Sobabini siyafana ngempembelelo, ukuzimisela nokubutha. Ukusebenza
kwethu kUkhozi FM kuye kwaqinisa ubuhlobo bethu. Ngoku uZanele ufana nomsakwethu sifike kwinqanaba apho sikwazi ukuqorida kwangaphambili imo yomnye.
UDudu uzichaze niengomntu onobubele kodwa ocaphukayo maxa wambi. Kuba engumntu okhululekileyo uthi ukhe abone ezondwa ngabo basondele kuye.
Phofu ke, mna akukho nto ndiyifihfayo, andinanqala.
Ungumntu onolwavela okhawuleza alile ingakumbi xa kukho umntu ohlelwe yinto ebuhlungu.
Phofu ke, ndikufumanisa kunzima ukukubuketa kumabonakude oko kwenzeka kubantu baseRwanda.
Kuba umsebenzi wam uyimfuneko, ndilangazelela ukuba usapho lwam lumanyane, nabantwana bam bakhute bengaxhomekeke mntwini. Ndikwanqwenela ukuba indoda yam indixhase iqonde ingcinezelo yomsebenzi endiwenzayo.
Ekugqibeleni ubothulele umnqwazi abalandeli bakhe ngokunyaniseka kwabo kwisikhululo sakhe.
Ukubalasela kwesikhululo sethu sosasazo ngumzekelo omhle woku. Galelekani niqaqambe. Ndiza kuhlala ndinithanda.







Emculweni U1ugh
Ulityendyana f





































UBONGANI
HLATSHWAYO mvanje ukhe wangcamla uncuthu lomculo kwicwecwe elltsha IikaHugh Masekela okhalisa ixilongo eRhino Recording Studios eBophuthatswana, ngekh ukholwe, izandi zawo zithi ndibolek indlebe. Kufote
uLUCKY NXUMALO.



U
 HUGH MASEKELA oyimvumi enesiphiwo akaxakwa-nto. Unokucinga nantoni na aze aphume noncuthu lomculo.
lcwecwe Iakhe lamvanje lisikhumbuza ngesinokukutindela ..luye. UDon Laka, ungumfoobe negalelo etihle kumacwecwe eBoom Shaka, uprodyuse okwamvanje okuvela kuHugh Masekela.
lingoma zamanduto bazishicilele baza baziguqula ukuze bawuvale too
mtsantsa womculo wangoko nowamvanje. lsiphumo kube ticwecwe elinezandi ezitsha zomculo wamanduto.
"Ukuze sivaIe Ioo msantsa, sicele umliseta nomthinjana weFamily Factory, uSokhela weBoom Shaka neApple C yeBongo Maffin, utshilo uDon Laka.
Kwingoma yango-1961 ethi Strawberiy endaweni yokusebenzisa ixilongo uHugh usebenzisa



		BONA XHOSA - September 1997 45

